MDGs in Xhosa
Iinjongo zoPhuhliso zeMillennium
(Millennium Development Goals)
Afrikaans | Ndebele | Sepedi | Sotho | Swati | Tsonga | Tswana | Venda | Xhosa | Zulu
ISigqibo i-United Nations Millennium Declaration, esasayinwa ngo-Septemba 2000, sibophelela amazwe ukuba:
- Ayincothule neengcambu zayo intlupheko nendlala ezigqithisileyo
- Anciphise kangangesiqingatha inani labantu abaphila ngaphantsi kwedola yaseMelika ngosuku.(U.S. dollar).
- Anciphise kangangesiqingatha inani labantu abafa yindlala.
- Andise ubungakanani bokutya ukwenzela abo bafa yindlala.
- Azuze impumelelo kwimfundo yaseprayimari eqhelekileyo (universal primary education)
- Aqinisekise ukuba onke amakhwenkwe namantomabazana ayayigqiba ikhosi epheleleyo yemfundo yaseprayimari.
- Amanani okubhalisa awandileyo mawahambe kunye nemigudu ukuqinisekisa ukuba bonke abantwana bahlala besesikolweni kwaye bafumana imfundo ekumgangatho ophezulu.
- Akhuthaze ulingano kwezesini nokuxhobisa abasetyhini
- Aphelise umahluko ngokwesini kwimfundo yaseprayimari neyasesekondari ngo-2005 ngokukhethekileyo, nakuwo onke amanqanaba ngo- 2015.
- Anciphise ukusweleka kwabantwana
- Anciphise iqondo lokusweleka kwabantwana abangaphantsi kweminyaka emihlanu ngesibini esithathwini.
- Aphucule impilo yamanina akhulelweyo nasanda kubeleka
- Ukunciphisa kangangekota ezintathu ireshiyo yokusweleka kwamanina akhulelweyo nasanda kubeleka (maternal mortality ratio).
- Alwe i-HIV/AIDS, imaleriya, nezinye izifo
- Anqande aze aqalise ukubuyisa umva ukusasazeka kwe-HIV/AIDS.
- Anqande aze aqalise ukubuyisa umva izehlo zemaleriya (malaria) nezinye izifo ezingundoqo.
- Aqinisekise ukuzinza nokugcinakala kwendalo ewangqongileyo (environmental sustainability)
- Ahlanganise imigqaliselo yophuhliso oluzinzileyo kwimigaqo-nkqubo yelizwe neeprogram; abuyise umva ukuphulukana noovimba bendalo ewangqongileyo (environmental resources).
- Anciphise kangangesinqingatha inani labantu abangenakho ukufikelela kumanzi okusela akhuselekileyo (ukuze ufumane ingcaciso engaphezulu jonga i-entri (entry) malunga nesibonelelo samanzi).
- Azuze inkqubela ebonakalayo kubomi babantu abahluphekileyo abali-100 lezigidi ubuncinane abahlala ematyotyombeni, ngo-2020.
- Aqulunqe ubambiswano lwamazwe jikelele ukwenzela uphuhliso
- Aphuhlise ngakumbi inkqubo yoshishino neyezimali engena miqathango (trading and financial system) esekelwe kwimigaqo, nenokuthekelelwa (predictable) nengabandlululiyo. Abandakanye ukuzimisela kulawulo olusemgangathweni, uphuhliso nokuncitshiswa kwentlupheko—kuzwelonke nakumazwe ngamazwe.
- Ajongane neemfuno ezizodwa zamazwe angaphuhle kuyaphi. Oku kubandakanya ukufikelela okungena zintlawulo- nazimali zezabelo (quota) kwimveliso ezithunyelwa kwamanye amazwe (exports); umnyinyiva ematyaleni (debt relief) ukwenzela amazwe angawona ahlelelekileyo; ukurhoxiswa kwamatyala asemthethweni amazwe amabini (official bilateral debt); nokubakho koncedo lwesisa olusemthethweni lophuhliso ukwenzela amazwe azibophelele ekunciphiseni intlupheko.
- Ajongane neemfuno ezizodwa zaMazwe asakhulayo angqongwe ngumhlaba naziziqithi ezincinane (landlocked and small island developing States).
- Asingathe ngokupheleleyo iingxaki zamatyala amazwe asakhulayo ngemimiselo kazwelonke neyamazwe jikelele yokwenza ukuba ityala libe lelizinzileyo kwithuba elide.
- Ngokuthi ebambisene namazwe asakhulayo, adale imisebenzi esemgangathweni eyenza igalelo ukulungiselela ulutsha.
- Ngokuthi ebambisene neenkampani zamachiza (pharmaceutical companies), abonelele ngofikelelo kumachiza ayimfuneko afikelelekayo kumazwe asakhulayo.


